LAZI IGAMA LAM

URorisang newele lakhe uMorena abayikholelwa into yokuba kufuneka batshintsheizikolo. Isikolo ebebekade befunda kuso singaphaya kwendlela, kufutshane nakokwabo kwaye wonke ubani uyabazi. Baza kuthini ukuba abakwazi ukwenza abahlobo kwisikolo esitsha? Kuza kwenzeka ntoni ukuba bayanyamalala kwinginginya yabafundi abangaqhelekanga?
Kungekudala, amawele ajongana nemingeni emininzi emitsha – kwaye bafumanisa ngeetalente zabo ezintsha!
Kodwa, ingaba uRorisang uyakwazi ukufumana ilizwi lakhe nokushiya umzila